13 UElisha wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Ndinantoni na yakwenza nawe?+ Yiya kubaprofeti+ bakayihlo nakubaprofeti bakanyoko.” Kodwa ukumkani wakwaSirayeli wathi kuye: “Hayi, kuba uYehova ubabizile aba kumkani bathathu ukuze abanikele esandleni sikaMowabhi.”+