IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 6:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Nize ningalandeli abanye oothixo, nabaphi na oothixo bezizwana eziningqongileyo,+

  • Duteronomi 31:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Wathi uYehova kuMoses: “Yabona! Uya kulala kookhokho bakho;+ yaye ngokuqinisekileyo siya kusuka+ esi sizwana sibe neentlobano zokuziphatha okubi noothixo basemzini belizwe esiya kulo,+ esiya kuba phakathi kwabo, yaye ngokuqinisekileyo siya kundishiya+ size siwaphule umnqophiso wam endiwenze naso.+

  • 2 Kronike 15:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 Ngako oko waphuma waya phambi kuka-Asa waza wathi kuye: “Ndiphulaphule, Asa nawe wonke Yuda noBhenjamin! UYehova unani logama nje nani ninaye;+ nokuba nithe namfuna,+ uya kufumaneka kuni, kodwa ukuba nithe namshiya uya kunishiya.+

  • INdumiso 73:27
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 27 Kuba, khangela! abo badedela kude nawe baya kutshabalala.+

      Ngokuqinisekileyo uya kuthulisa bonke abo bakushiya ngokuziphatha okubi.+

  • Isaya 1:28
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 28 Ukuwa kwabo bavukelayo nokwabo banesono kuya kuba ngaxeshanye,+ nabo bamshiyayo uYehova baya kupheliswa.+

  • Yeremiya 2:19
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 19 Ububi bakho bufanele bukulungise,+ nezenzo zakho zokungathembeki zifanele zikohlwaye.+ Yazi, ke, uze ubone ukuba ukumshiya kwakho uYehova uThixo wakho yinto embi nekrakra,+ nokuba akukhange unkwantye ndim,’+ itsho iNkosi enguMongami,+ uYehova wemikhosi.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share