IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Levitikus 26:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 ngoko ke, ndothi nam ndinohlwaye ngokuqinisekileyo ngokunizisela ukuphazamiseka ngesifo sephepha+ nangomkhuhlane otshisayo, obangela ukufiphala kwamehlo+ nowethisa umphefumlo amandla.+ Noyihlwayelela ilize imbewu yenu, ekubeni iintshaba zenu ziya kuyidla ngokuqinisekileyo ziyigqibe.+

  • Duteronomi 28:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 “Ke kothi ukuba uthe akwaliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wakho ukuba ukunyamekele ukuyenza yonke imiyalelo yakhe nemimiselo yakhe endikuyalela yona namhlanje, zize phezu kwakho ezi ziqalekiso zonke zikufumane:+

  • Duteronomi 30:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 ndiyanixelela namhlanje ukuba niya kutshabalala ngenene.+ Ayisayi kwandiswa imihla yenu kuwo umhlaba eniwela iYordan nisiya kuwudla ilifa.

  • Yoshuwa 23:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 nifanele nazi ngokuqinisekileyo ukuba uYehova uThixo wenu akayi kuqhubeka ezihlutha ilizwe lazo ezi ntlanga ngenxa yenu;+ kwaye ziya kuba njengesibatha nanjengomgibe nanjengekatsi kumaphango enu+ nanjengameva emehlweni enu de nitshabalale kulo mhlaba ulungileyo uYehova uThixo wenu aninike wona.+

  • Daniyeli 9:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Nabo bonke abakwaSirayeli bawugqithile umthetho wakho, baphambuka abalithobela ilizwi lakho,+ wada wathulula phezu kwethu isiqalekiso nesifungo esinzulu+ esibhalwe emthethweni kaMoses umkhonzi kaTHIXO oyinyaniso, kuba simonile Yena.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share