14 Ndiya kuzenza ndifumaneke kuni,’+ utsho uYehova. ‘Kwaye ndiya kulihlanganisa iqela labathinjwa ndize ndiniqokelele ndawonye kuzo zonke iintlanga nakuzo zonke iindawo endinisasazele kuzo,’+ utsho uYehova. ‘Yaye ndiya kunibuyisela kule ndawo nivela apho ndanibangela naya khona ekuthinjweni.’+