IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 30:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Ukuba abantu bakho abasasazekileyo bathe baya esiphelweni samazulu, wokuqokelela nalapho uYehova uThixo wakho.+

  • Isaya 49:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 Kodwa utsho uYehova ukuthi: “Kwaneqela labathinjwa bendoda enamandla liya kuthatyathwa,+ nabo sele bethatyathwe nguzwilakhe baya kubaleka.+ Kwaye nabani na osukuzana nawe mna ndiya kusukuzana naye,+ noonyana bakho ndiya kubasindisa.+

  • Yeremiya 23:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 “Mna ndiya kuqokelela ndawonye intsalela yezimvu zam emazweni onke endandizisasazele kuwo,+ ndizibuyisele edlelweni lazo,+ yaye ngokuqinisekileyo ziya kuqhama zande.+

  • Yeremiya 30:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Kuba, “khangela! kuza imihla,” utsho uYehova, “endiya kuthi ngayo ndibahlanganise abathinjiweyo babantu bam, uSirayeli noYuda,”+ utsho uYehova, “ndibabuyisele kwilizwe endalinika ookhokho babo, baze ngokuqinisekileyo balidle ilifa kwakhona.”’”+

  • Hezekile 39:28
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 28 “‘Baya kwazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo, xa ndibathumela ekuthinjweni ezintlangeni ndize okunene ndibabuthele ndawonye emhlabeni wabo,+ kangangokuba andiyi kushiya namnye kubo apho.+

  • Yoweli 3:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 “Kuba, khangelani! ngaloo mihla nangelo xesha,+ xa ndibuyisa abathinjiweyo bakwaYuda neYerusalem,+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share