-
Yoshuwa 5:1INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
5 Yaye kwathi kamsinya nje xa bonke ookumkani bama-Amori,+ ababekwicala laseYordan ngasentshona, nabo bonke ookumkani bamaKanan,+ ababengaselwandle, bevayo ukuba uYehova wawomisa amanzi aseYordan phambi koonyana bakaSirayeli de bawela, zandula iintliziyo zabo zaqalisa ukunyibilika,+ yaye akuzange kuphinde kubekho kudlamka kubo ngenxa yoonyana bakaSirayeli.+
-