-
Ezra 3:8INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
-
-
8 Yaye ngonyaka wesibini wokuza kwabo endlwini yoTHIXO oyinyaniso eYerusalem, ngenyanga yesibini,+ kwaqala uZerubhabheli+ unyana kaShelatiyeli+ noYeshuwa+ unyana kaYehotsadaki nabanye abazalwana babo, ababingeleli nabaLevi, nabo bonke abo babephuma ekuthinjweni+ eYerusalem; baza ke abaLevi+ bababeka ezikhundleni ukususela kwiminyaka engamashumi amabini ukunyuka ukuba bongamele umsebenzi wendlu kaYehova.+
-