3 UEliyashibhi+ umbingeleli omkhulu nabazalwana bakhe, ababingeleli, basukuma baza bakha iSango Lezimvu.+ Balingcwalisa+ ngokwabo baza bafaka iingcango zalo; kwaye balingcwalisa ukuya kufikelela kwiNqaba yeMeya,+ nokuya kufikelela kwiNqaba kaHananeli.+