13 Ndaza ndabeka uShelemiya umbingeleli noTsadoki umkhupheli noPedaya wakubaLevi ukuba baphathe oovimba; ababephantsi kolawulo lwabo yayinguHanan unyana kaZakure unyana kaMataniya,+ kuba babegqalwa njengabathembekileyo;+ yaye kwakuphezu kwabo ukwabela+ abantakwabo.