14 Xa ndabona uloyiko lwabo ngoko nangoko ndasukuma ndaza ndathi kwizidwangube+ nakumasekela-baphathi+ nakwabanye abantu: “Ningoyiki+ ngenxa yabo. Khumbulani uYehova omkhulu+ naLowo woyikekayo;+ nize nilwele abazalwana benu,+ oonyana benu neentombi zenu, abafazi benu namakhaya enu.”