IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 32:35
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 35 Yeyam impindezelo, nembuyekezo.+

      Ngexesha elimisiweyo luya kutyibilika unyawo lwazo,+

      Ngokuba usondele umhla wentlekele yazo,+

      Iziganeko ezilungiselelwe zona ziza ngokungxama.’+

  • Estere 8:13
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 13 Umbhalo+ okhutshelweyo wawuza kusiwa kuwo onke amaphondo ahlukahlukeneyo njengomthetho, uvakaliswe kuzo zonke izizwana, ukuze amaYuda alungele lo mhla ukuba aziphindezelele+ kwiintshaba zawo.

  • INdumiso 149:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  7 Ukuze baphumeze impindezelo ezintlangeni,+

      Bakhalimele amaqela eentlanga,+

  • Nahum 1:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 UYehova nguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo+ nophindezelayo; yekaYehova impindezelo+ nengqumbo.+ UYehova uyaziphindezela kwiintshaba zakhe,+ yaye uyazicaphukela iintshaba zakhe.+

  • Luka 18:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 Ngokuqinisekileyo, ngoko, akayi kuthi na uThixo abangele ukuba okusesikweni+ kwenziwe kwabo banyuliweyo bakhe abadanduluka kuye imini nobusuku, kwanakuba enokuzeka kade umsindo+ ngabo?

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share