7 Waba ngumnyamekeli+ kaHadasa, oko kukuthi, uEstere, intombi kayisekazi,+ kuba wayengenayise engenanina; yaye eli bhinqa liselula lalimile kakuhle, lilihle nangembonakalo,+ kwathi ke ekufeni kukayise nonina uMordekayi walithabatha laba yintombi yakhe.