IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 2 Samuweli 22:28
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 28 Nabantu abathobekileyo uya kubasindisa;+

      Kodwa amehlo akho anxamnye nabo banekratshi, ukuze ubathobe.+

  • INdumiso 10:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  4 Ngokuziqhenya kwakhe lowo ungendawo akaphandi;+

      Zonke iingcamango zakhe zezokuthi: “Akukho Thixo.”+

  • INdumiso 18:27
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 27 Ngenxa yokuba wena uya kubasindisa abantu abaxhwalekileyo;+

      Kodwa amehlo anekratshi uya kuwathoba.+

  • INdumiso 101:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  5 Nabani na onyelisa iqabane lakhe emfihlekweni,+

      Yena ndiyamthulisa.+

      Nabani na onamehlo anekratshi nonentliziyo ekhukhumeleyo,+

      Yena andinakumnyamezela.+

  • IMizekeliso 6:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 ngamehlo aziphakamisayo,+ lulwimi oluxokayo,+ nezandla eziphalaza igazi elimsulwa,+

  • IMizekeliso 14:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Intonga yekratshi isemlonyeni wesidenge,+ kodwa imilebe yezilumko iya kuzilinda.+

  • Isaya 2:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Amehlo anekratshi omntu wasemhlabeni amele athotywe, nokuphakama kwabantu kumele kuthotywe;+ yaye nguYehova yedwa omele abekwe phezulu ngaloo mini.+

  • Luka 18:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Ndithi kuni, Lo mntu wehla ukuya ekhayeni lakhe engqineke elilungisa ngakumbi+ kunalowa umntu; kuba wonk’ ubani oziphakamisayo uya kuthotywa, kodwa lowo uzithobayo uya kuphakanyiswa.”+

  • 1 Petros 5:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 5 Ngokunjalo, nina madodana, wathobeleni+ amadoda amakhulu. Bhinqani nonke ukuthobeka kwengqondo omnye ngakomnye,+ ngenxa yokuba uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa ubanika ububele obungasifanelanga abo bathobekileyo.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share