IMizekeliso 11:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Xa kungekho lwalathiso lobuchule, bayawa abantu;+ kodwa kukho usindiso ebuninzini babacebisi.+ IMizekeliso 13:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Ngokukhukhumala ubani ubangela usukuzwano kuphela,+ kodwa kwabo babhunga kunye kukho ubulumko.+ IMizekeliso 15:22 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 22 Amacebo ayatshitsha apho kungekho gqugula,+ kodwa ngobuninzi babacebisi kukho okufezwayo.+ IZenzo 15:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Yaye abapostile namadoda amakhulu bahlanganisana ndawonye ukuba babonisane ngalo mcimbi.+