INdumiso 14:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 Ngaba akukho namnye kwabo baqhelisela okwenzakalisayo onolwazi,+Badla abantu bam njengoko besidla isonka?+Abambizanga noYehova.+ IMizekeliso 22:16 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 16 Oqhatha isisweli ukuze azongeze izinto ezininzi,+ kwanonika isityebi, ngokuqinisekileyo umiselwe ukuswela.+ Isaya 32:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 Ke lona itshivela, izixhobo zalo zibi;+ lona lenze isigqibo ngezenzo zehambo evakalala,+ ukuze lonakalise abaxhwalekileyo ngamazwi obuxoki,+ kwanaxa lowo ulihlwempu ethetha oko kulungileyo. Mika 3:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 nina badle nenyama yabantu bam,+ nibahlube nolusu olu lwabo, namathambo abo nawakroboza aziingceba, nabatyumza baziingceba njengento esembizeni emlomo ubanzi nanjengenyama phakathi embizeni yokupheka.+ Habhakuki 3:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Wayihlaba ngeentonga zakhe+ intloko yamadoda akhe okulwa xa ahamba ngesivuthuvuthu ukuze andichithachithe.+ Ukuchwayita kwawo kunjengokwabo batyekele ekuqwengeni oxhwalekileyo okwindawo efihlakeleyo.+ Marko 12:40 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 40 Ngabo abaqwenga izindlu+ zabahlolokazi baze ngokunyhwalaza benze imithandazo emide; baya kufumana umgwebo oqatha ngakumbi.”+ Yakobi 5:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 Khangelani! Imivuzo yabasebenzi abavuna amasimi enu eniyibambileyo,+ iyaqhubeka idanduluka,+ nezimemezo zokucela uncedo+ zabavuni zingenile ezindlebeni+ zikaYehova wemikhosi.
4 Ngaba akukho namnye kwabo baqhelisela okwenzakalisayo onolwazi,+Badla abantu bam njengoko besidla isonka?+Abambizanga noYehova.+
16 Oqhatha isisweli ukuze azongeze izinto ezininzi,+ kwanonika isityebi, ngokuqinisekileyo umiselwe ukuswela.+
7 Ke lona itshivela, izixhobo zalo zibi;+ lona lenze isigqibo ngezenzo zehambo evakalala,+ ukuze lonakalise abaxhwalekileyo ngamazwi obuxoki,+ kwanaxa lowo ulihlwempu ethetha oko kulungileyo.
3 nina badle nenyama yabantu bam,+ nibahlube nolusu olu lwabo, namathambo abo nawakroboza aziingceba, nabatyumza baziingceba njengento esembizeni emlomo ubanzi nanjengenyama phakathi embizeni yokupheka.+
14 Wayihlaba ngeentonga zakhe+ intloko yamadoda akhe okulwa xa ahamba ngesivuthuvuthu ukuze andichithachithe.+ Ukuchwayita kwawo kunjengokwabo batyekele ekuqwengeni oxhwalekileyo okwindawo efihlakeleyo.+
40 Ngabo abaqwenga izindlu+ zabahlolokazi baze ngokunyhwalaza benze imithandazo emide; baya kufumana umgwebo oqatha ngakumbi.”+
4 Khangelani! Imivuzo yabasebenzi abavuna amasimi enu eniyibambileyo,+ iyaqhubeka idanduluka,+ nezimemezo zokucela uncedo+ zabavuni zingenile ezindlebeni+ zikaYehova wemikhosi.