2 Samuweli 23:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 Ngoko kunjengokukhanya kwentsasa, lakukhanyisa ilanga,+Intsasa engenamafu.Kwakuqaqamba, kwakubakho imvula, kuphuma ingca emhlabeni.’+ INdumiso 97:11 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 11 Ukukhanya kulibengezelele ilungisa,+Nemihlali kwabo bathe tye entliziyweni.+ INdumiso 119:105 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 105 Ilizwi lakho lisisibane elunyaweni lwam,+Nokukhanya endleleni yam.+ Daniyeli 12:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 “Wena ke, Daniyeli, wagcine eyimfihlelo la mazwi, uyitywine incwadi leyo,+ kude kube lixesha lesiphelo.+ Abaninzi baya kuphengulula, yaye ulwazi lokwenyaniso luya kuba luninzi.”+ Mateyu 5:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 “Nilukhanyiselo lwehlabathi.+ Isixeko asinako ukufihlakala xa simi phezu kwentaba. 1 Korinte 13:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Kuba okwangoku sibona luzizi ngesipili sesinyithi,+ kodwa ngoko siya kubona ubuso ngobuso.+ Okwangoku ndazi ngokuyinxenye, kodwa ngoko ndiya kwazi ngokuchanileyo kwananjengoko nam ndisaziwa ngokuchanileyo.+ 2 Korinte 4:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Kuba uThixo wathi: “Ukukhanya makukhanye ebumnyameni,”+ yaye uye wakhanya ezintliziyweni zethu ukuze azikhanyisele+ ngolwazi oluzukileyo+ lukaThixo ngobuso bukaKristu.+ 2 Petros 1:19 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 19 Ngenxa yoko sinelizwi lesiprofeto+ elenziwa laqiniseka ngakumbi;+ yaye nenza kakuhle ukunikela ingqalelo kulo njengakwisibane+ esikhanya kwindawo emnyama, kude kube ngesifingo kuphume nekhwezi,+ ezintliziyweni zenu.
4 Ngoko kunjengokukhanya kwentsasa, lakukhanyisa ilanga,+Intsasa engenamafu.Kwakuqaqamba, kwakubakho imvula, kuphuma ingca emhlabeni.’+
4 “Wena ke, Daniyeli, wagcine eyimfihlelo la mazwi, uyitywine incwadi leyo,+ kude kube lixesha lesiphelo.+ Abaninzi baya kuphengulula, yaye ulwazi lokwenyaniso luya kuba luninzi.”+
12 Kuba okwangoku sibona luzizi ngesipili sesinyithi,+ kodwa ngoko siya kubona ubuso ngobuso.+ Okwangoku ndazi ngokuyinxenye, kodwa ngoko ndiya kwazi ngokuchanileyo kwananjengoko nam ndisaziwa ngokuchanileyo.+
6 Kuba uThixo wathi: “Ukukhanya makukhanye ebumnyameni,”+ yaye uye wakhanya ezintliziyweni zethu ukuze azikhanyisele+ ngolwazi oluzukileyo+ lukaThixo ngobuso bukaKristu.+
19 Ngenxa yoko sinelizwi lesiprofeto+ elenziwa laqiniseka ngakumbi;+ yaye nenza kakuhle ukunikela ingqalelo kulo njengakwisibane+ esikhanya kwindawo emnyama, kude kube ngesifingo kuphume nekhwezi,+ ezintliziyweni zenu.