IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Duteronomi 12:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 Zona uze uzidlele phambi koYehova uThixo wakho, endaweni leyo aya kuyinyula+ uYehova uThixo wakho, wena ke nonyana wakho nentombi yakho nekhoboka lakho nekhobokazana lakho nomLevi osemasangweni akho; ube nemihlali+ phambi koYehova uThixo wakho ngako konke okwenzileyo.

  • Duteronomi 20:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Nguwuphi na umntu otyale isidiliya waza akaqalisa ukusisebenzisa? Makahambe abuyele endlwini yakhe, kuba hleze afele edabini size sisetyenziswe ngomnye umntu.+

  • INtshumayeli 3:22
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 22 Yaye ndabona ukuba akukho nto ilunge ngakumbi kunokuba umntu abe nemihlali ngemisebenzi yakhe,+ kuba kusisabelo sakhe oko; ngenxa yokuba uya kungeniswa ngubani na ukuba akhangele oko kuya kubakho emva kwakhe?+

  • INtshumayeli 5:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 Khangela! Eyona nto ilungileyo ndiyibonileyo, nentle, kukuba ubani adle, asele aze abone okulungileyo ekusebenzeni kwakhe nzima+ akusebenzayo phantsi kwelanga ngemihla yobomi bakhe amnike yona uTHIXO oyinyaniso, kuba kusisabelo sakhe oko.

  • INtshumayeli 8:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 Ndaza ndayincoma imihlali,+ kuba kungekho nto ilulungele ngakumbi uluntu phantsi kwelanga kunokuba ludle, lusele, lube nemihlali, yaye oko kufanele kulupheleke ekusebenzeni kwalo nzima ngemihla yobomi balo,+ athe uTHIXO oyinyaniso walunika yona phantsi kwelanga.+

  • IZenzo 14:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 nangona, eneneni, engazange azishiye yena ngokwakhe ngaphandle kobungqina ngokuba wenza okulungileyo,+ eninika iimvula+ ezivela ezulwini namaxesha emveliso, ezizalisa iintliziyo zenu ngokutya nangokuchwayita.”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share