7 Ngaphezu koko, wabeka umfanekiso oqingqiweyo+ awayewenzile endlwini kaTHIXO oyinyaniso,+ leyo uThixo wayethe ngayo kuDavide nakuSolomon unyana wakhe: “Kule ndlu naseYerusalem, leyo ndiyinyuleyo+ kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli, ndiya kubeka igama lam+ kuse kwixesha elingenammiselo.+