9 Iintlanga zonke maziqokelelwe kwindawo enye, namaqela eentlanga ahlanganiselwe ndawonye.+ Ngubani na phakathi kwazo onokukuxela oku?+ Okanye zinako na ukusivisa kwanezinto zokuqala?+ Mazivelise amangqina azo,+ ukuze zibe nokuvakaliswa zingamalungisa, okanye mabeve baze bathi, ‘Yinyaniso!’”+