43 Yaye waqhubeka ehamba ngayo yonke indlela ka-Asa uyise. Akazange aphambuke kuyo, ngokwenza okulungileyo emehlweni kaYehova.+ Kuphela iindawo eziphakamileyo azizange zithi shwaka. Abantu babesaqhubeka bebingelela beqhumisa nemibingelelo kwiindawo eziphakamileyo.+