25 Athimba neenkosana ezimbini zakwaMidiyan, ezizezi, uOrebhi noZehebhe;+ kwaye uOrebhi ambulalela kwiliwa likaOrebhi,+ aza uZehebhe ambulalela kwifatyi yewayini kaZehebhe. Kwaye aqhubeka emsukela uMidiyan,+ eza nentloko kaOrebhi nekaZehebhe kuGidiyon kummandla waseYordan.+