26 Kwaye uYehova wemikhosi ngokuqinisekileyo uya kuvonyavonya isabhokhwe+ nxamnye naye njengasekoyisweni kukaMidiyan ngakwiliwa laseOrebhi;+ nomsimelelo wakhe uya kuba selwandle,+ yaye ngokuqinisekileyo uya kuwuphakamisa ngendlela awenza ngayo kwiYiputa.+