36 Kungenxa yoko le nto intliziyo yam iya kuxokozela ngoMowabhi, kanye njengeembande;+ nangenxa yamadoda aseKire-heres+ yona kanye intliziyo yam iya kuxokozela, kanye njengeembande. Kungenxa yoko le nto yona kanye intabalala ayivelisileyo ngokuqinisekileyo iya kutshabalala.+