10 Ngenxa yeentaba ndiya kuphakamisa ukulila nesijwili,+ nesimbonono ngenxa yamadlelo asentlango; kuba aya kube etshisiwe+ ukuze kungabikho mntu udlulayo kuwo yaye abantu okunene abayi kusiva isandi semfuyo.+ Izidalwa eziphaphazelayo zamazulu namarhamncwa ziya kube zisabile; ziya kube zimkile.+