10 Yiba sezintlungwini eziqatha uze ugqabhuke, ntombi yaseZiyon, njengomfazi ozalayo,+ kuba ngoku uya kuphuma edolophini, uhlale endle.+ Yaye kuya kufuneka uye kufika naseBhabhiloni.+ Apho uya kuhlangulwa.+ Apho uYehova uya kukuthenga entendeni yesandla seentshaba zakho.+