IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Yeremiya 14:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Waza uYehova wahlabela mgama wathi kum: “Abaprofeti baprofeta ubuxoki egameni lam.+ Andibathumanga, ndingabayalelanga okanye ndathetha kubo.+ Baniprofetela umbono wobuxoki nokuvumisa nento engenaxabiso+ nenkohliso yentliziyo yabo.+

  • Yeremiya 23:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 “Andibathumanga abaprofeti, kanti bona basuke babaleka. Andithethanga kubo, kanti bona basuke baprofeta.+

  • Yeremiya 28:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 Waza uYeremiya umprofeti wahlabela mgama wathi kuHananiya+ umprofeti: “Khawuncede, phulaphula, Hananiya! UYehova akakuthumelanga, kodwa wena ubangele esi sizwana sakholosa ngobuxoki.+

  • Hezekile 13:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 “‘Ngoko ke itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “‘Ngenxa yokuba nithethe into engeyonyaniso yaye nibone ubuxoki, ke ngoko ndinxamnye nani,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”

  • 2 Petros 2:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 Noko ke, kwakukho abaprofeti bobuxoki phakathi kwabantu, njengoko naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi bobuxoki.+ Bona kanye aba baya kungenisa ngasese amahlelo atshabalalisayo yaye baya kumkhanyela nomnini owabathengayo,+ bezizisela intshabalalo ekhawulezileyo.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share