2 Kronike 16:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Kuba, ngokubhekisele kuYehova, amehlo akhe+ asingasinga emhlabeni wonke+ ukuba ababonise amandla abo bantliziyo+ ziphelele kuye. Wenze ngobudenge+ ngenxa yoku, ngoko ukususela ngoku kuse phambili kuya kubakho iimfazwe nxamnye nawe.”+ Yobhi 34:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 Kuba amehlo akhe asezindleleni zomntu,+Yaye onke amanyathelo akhe uyawabona. INdumiso 33:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 UYehova ukhangele esemazulwini,+Ubabonile bonke oonyana babantu.+ INdumiso 66:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 Ulawula ngamandla akhe kuse kwixesha elingenammiselo.+Amehlo akhe aqhubeka ejonge iintlanga.+Ke bona abo baneenkani, mabangaphakanyiswa.+ Seʹlah. IMizekeliso 5:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 Kuba iindlela zomntu ziphambi kwamehlo kaYehova,+ yaye uyayondela yonke imikhondo yakhe.+ IMizekeliso 15:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 Amehlo kaYehova akuzo zonke iindawo,+ ahlala ekhangele ababi nabalungileyo.+ Hebhere 4:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 Akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe,+ kodwa zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.+
9 Kuba, ngokubhekisele kuYehova, amehlo akhe+ asingasinga emhlabeni wonke+ ukuba ababonise amandla abo bantliziyo+ ziphelele kuye. Wenze ngobudenge+ ngenxa yoku, ngoko ukususela ngoku kuse phambili kuya kubakho iimfazwe nxamnye nawe.”+
7 Ulawula ngamandla akhe kuse kwixesha elingenammiselo.+Amehlo akhe aqhubeka ejonge iintlanga.+Ke bona abo baneenkani, mabangaphakanyiswa.+ Seʹlah.
13 Akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe,+ kodwa zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.+