Yobhi 34:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 Kuba amehlo akhe asezindleleni zomntu,+Yaye onke amanyathelo akhe uyawabona. INdumiso 11:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 UYehova usetempileni yakhe engcwele.+UYehova—isemazulwini itrone yakhe.+Amehlo akhe ayabona, amehlo akhe aqaqambileyo ahlolisisa+ oonyana babantu. INdumiso 66:7 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 7 Ulawula ngamandla akhe kuse kwixesha elingenammiselo.+Amehlo akhe aqhubeka ejonge iintlanga.+Ke bona abo baneenkani, mabangaphakanyiswa.+ Seʹlah. IMizekeliso 5:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 Kuba iindlela zomntu ziphambi kwamehlo kaYehova,+ yaye uyayondela yonke imikhondo yakhe.+ Yeremiya 16:17 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 17 Kuba amehlo am akuzo zonke iindlela zabo. Bebengasithelanga phambi kwam, nesiphoso sabo besingafihlekanga phambi kwamehlo am.+ Yeremiya 23:24 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 24 “Okanye ingafihlwa na nayiphi indoda kwiindawo ezifihlakeleyo ndize mna ndingayiboni?”+ utsho uYehova. “Andizalise amazulu nomhlaba na okunene mna?”+ utsho uYehova. Hebhere 4:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 Akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe,+ kodwa zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.+
4 UYehova usetempileni yakhe engcwele.+UYehova—isemazulwini itrone yakhe.+Amehlo akhe ayabona, amehlo akhe aqaqambileyo ahlolisisa+ oonyana babantu.
7 Ulawula ngamandla akhe kuse kwixesha elingenammiselo.+Amehlo akhe aqhubeka ejonge iintlanga.+Ke bona abo baneenkani, mabangaphakanyiswa.+ Seʹlah.
17 Kuba amehlo am akuzo zonke iindlela zabo. Bebengasithelanga phambi kwam, nesiphoso sabo besingafihlekanga phambi kwamehlo am.+
24 “Okanye ingafihlwa na nayiphi indoda kwiindawo ezifihlakeleyo ndize mna ndingayiboni?”+ utsho uYehova. “Andizalise amazulu nomhlaba na okunene mna?”+ utsho uYehova.
13 Akukho sidalwa singabonakaliyo emehlweni akhe,+ kodwa zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.+