14 “Andiyi kuziphendulisa iintombi zenu ngenxa yokuba zihenyuza, noomolokazana benu ngenxa yokuba bekrexeza. Ngokuba nawo amadoda, athi gu bucala namahenyukazi,+ aze abingelele kunye noonongogo basetempileni;+ yaye isizwana esingaqondiyo+ siya kunyathelelwa phantsi.