6 Kwaye wathumela waza wabiza uBharaki+ unyana ka-Abhinowam eKedeshe-nafetali+ waza wathi kuye: “Akanikelanga myalelo na uYehova uTHIXO kaSirayeli? ‘Hamba uze uzithi saa kwiNtaba yaseTabhore,+ yaye thabatha amadoda angamawaka alishumi koonyana bakaNafetali+ nakoonyana bakaZebhulon.+