IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Genesis 19:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 Ngoko waqhubeka ezibhukuqa ezi zixeko, kwaneSithili siphela nabo bonke abemi bezo zixeko nezityalo zomhlaba.+

  • Duteronomi 29:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 isalfure netyuwa,+ nokutsha,+ ilizwe liphela lingahlwayelwa, lingahlumi nto, lingantshuli tyani, njengokubhuqwa kweSodom neGomora,+ iAdima+ neTsebhoyim,+ awazibhukuqayo uYehova ngomsindo wakhe nangengqumbo yakhe;+

  • Yeremiya 50:40
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 40 “Kanye njengoko uThixo wabhukuqa iSodom neGomora+ needolophu ezimelene nayo,”+ utsho uYehova, “akukho mntu uya kuhlala apho, kungekho nanyana wamntu uya kuhlala kuyo njengomphambukeli.+

  • Amosi 4:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 “‘Ndanibhukuqa, njengokubhukuqa kukaThixo iSodom neGomora.+ Yaye naba njengesikhuni esixhwilwe emlilweni;+ kodwa anibuyelanga kum,’+ utsho uYehova.

  • Zefaniya 2:9
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 9 Ngoko ke, ndiphila nje,”+ utsho uYehova wemikhosi, uTHIXO kaSirayeli, “uMowabhi uya kuba kanye njengeSodom,+ noonyana baka-Amoni+ njengeGomora, indawo yamarhawu, nomhadi wetyuwa, nenkangala ephanzileyo, ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Abaseleyo ebantwini bam baya kubaphanga, nentsalela yohlanga lwam iya kubathabatha babe ngabayo.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share