58 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi: “Udonga lwaseBhabhiloni, nangona lubanzi, luza kuchithwa;+ namasango ayo, nangona ephakamile, aza kutshiswa ngomlilo.+ Kwaye izizwana ziya kubulalekela ilize,+ namaqela eentlanga abulalekele umlilo;+ yaye aya kusuka azidinise.”