IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 2 Kumkani 17:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 kwaye abazange baphulaphule kodwa baqhubeka bezenza lukhuni iintamo+ zabo njengeentamo zookhokho babo abangazange babonise ukholo+ kuYehova uThixo wabo;

  • Nehemiya 9:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Ngoko bala ukuphulaphula,+ yaye abazange bazikhumbule+ izenzo zakho ezimangalisayo owazenzayo ngabo, kodwa bayenza lukhuni intamo+ yabo, bamisela intloko+ ukuba babuyele ebukhobokeni eYiputa. Kodwa unguThixo oxolelayo,+ onobabalo+ nonenceba,+ ozeka kade umsindo+ nonobubele bothando obuninzi,+ kwaye akuzange ubashiye.+

  • IMizekeliso 29:1
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 29 Umntu owohlwaywa ngokuphindaphindiweyo+ kodwa ayenze lukhuni intamo+ yakhe uya kwaphulwa ngequbuliso, aze angaphiliswa.+

  • Yeremiya 19:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 “Utsho uYehova wemikhosi, uTHIXO kaSirayeli, ukuthi, ‘Yabonani, ndizisela esi sixeko nazo zonke izixeko zaso intlekele yonke endithethe ngayo kuso, ngenxa yokuba bayenze lukhuni intamo yabo ukuze bangawathobeli amazwi am.’”+

  • Roma 2:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 5 Kodwa ngenxa yokuba lukhuni+ kwakho nokuba nentliziyo engaguqukiyo+ uziqwebela ingqumbo+ ngomhla wengqumbo+ nowokutyhilwa+ komgwebo kaThixo wobulungisa.+

  • Roma 10:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 Kodwa ngokuphathelele uSirayeli uthi: “Imini yonke izandla zam ndizolulele kwisizwana esingathobeliyo+ nesiphendulana nam.”+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share