IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Nehemiya 9:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Ngoko bala ukuphulaphula,+ yaye abazange bazikhumbule+ izenzo zakho ezimangalisayo owazenzayo ngabo, kodwa bayenza lukhuni intamo+ yabo, bamisela intloko+ ukuba babuyele ebukhobokeni eYiputa. Kodwa unguThixo oxolelayo,+ onobabalo+ nonenceba,+ ozeka kade umsindo+ nonobubele bothando obuninzi,+ kwaye akuzange ubashiye.+

  • Nehemiya 9:29
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 29 Nangona wawunikela ubungqina+ nxamnye nabo ukuze ubabuyisele emthethweni wakho,+ bona babekhukhumala+ bangayiphulaphuli imiyalelo yakho; yaye babesona+ nxamnye nemimiselo+ yakho, leyo, ukuba umntu uza kuyenza, amele aphile ngayo.+ Kwaye baqhubeka bekwenzela iinkani,+ bazenza lukhuni iintamo zabo,+ yaye abazange baphulaphule.+

  • Yeremiya 7:26
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 26 Kodwa abazange bandiphulaphule, yaye abazange bayithobe indlebe yabo,+ kodwa baqhubeka beyenza lukhuni intamo yabo.+ Benza okubi ngakumbi kunookhokho babo!+

  • Yeremiya 17:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 kodwa abaphulaphula okanye bathobe indlebe yabo,+ bayenza lukhuni intamo yabo+ ukuze bangeva nokuze bangamkeli ngqeqesho.”’+

  • Zekariya 7:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Nentliziyo yabo+ bayenza ilitye elilukhuni ukuze bangawuthobeli umthetho+ namazwi uYehova wemikhosi awawathumela ngomoya wakhe,+ ngabaprofeti bangaphambili;+ kangangokuba wacaphuka kakhulu uYehova wemikhosi.”+

  • IZenzo 7:51
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 51 “Bantundini baneenkani nabangalukileyo ngeentliziyo+ neendlebe, nisoloko niwuxhathisa umoya oyingcwele; kanye njengoko ookhokho benu benjenjalo, nani nenjenjalo.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share