IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 1 Samuweli 12:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 Kodwa ukuba aniyi kulithobela ilizwi likaYehova+ nize okunene nivukele umyalelo kaYehova,+ ngokuqinisekileyo isandla sikaYehova siya kuba nxamnye nani nooyihlo.+

  • 1 Samuweli 15:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 kuba imvukelo+ iyafana nesono sokuvumisa,+ nokunyanzelisa ngekratshi nqwa nokusebenzisa amandla angaqhelekanga nemilonde-khaya.+ Ekubeni uligatyile ilizwi likaYehova,+ ngako oko naye uyakugatya ekubeni ngukumkani.”+

  • INdumiso 5:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 UThixo uya kubagqala njengabanetyala ngokuqinisekileyo;+

      Baya kuwa ngenxa yecebo labo.+

      Ngobuninzi bokunxaxha kwabo mabasasazwe,+

      Ngenxa yokuba bakuvukele.+

  • Isaya 1:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 Kodwa ukuba nithe nala+ naba nemvukelo, niya kudliwa nigqitywe likrele; kuba wona kanye umlomo kaYehova ukuthethile oko.”+

  • Isaya 63:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Kodwa bona bavukela+ baza bawenza buhlungu umoya wakhe oyingcwele.+ Ke kaloku watshintsha waba lutshaba lwabo;+ yena walwa imfazwe nabo.+

  • Hezekile 7:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 “‘Ke kaloku kamsinya ndiya kubuphalazela phezu kwakho ubushushu bam,+ yaye ndiza kuwuphelelisela kuwe umsindo wam,+ ndikugwebe ngokweendlela zakho+ ndize ndizise phezu kwakho zonke izinto zakho ezicekisekayo.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share