IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Yeremiya 30:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 “Wena ke, musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi,” utsho uYehova, “ungangenwa nalunkwantyo, Sirayeli.+ Kuba yabona, ndikusindisa usekude nenzala yakho kwilizwe lokuthinjwa kwayo.+ Kwaye uYakobi ngokuqinisekileyo uya kubuya, angaphazanyiswa aze ahlale ngokukhululeka, yaye akuyi kubakho bani umngcangcazelisayo.”+

  • Yeremiya 46:27
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 27 “‘Wena ke, musa ukoyika, Yakobi mkhonzi wam, nawe Sirayeli,+ musa ukungenwa lunkwantyo. Kuba yabona, ndiyakusindisa ukude, nembewu yakho kwilizwe ethinjelwe kulo.+ Yaye ngokuqinisekileyo uYakobi uya kubuya aze angabi nasiphazamiso ahlale ngokukhululeka kungekho nabani na omngcangcazelisayo.+

  • Hezekile 28:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 “‘Itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi: “Ekuyiqokeleleni kwam ndawonye indlu kaSirayeli kuzo zonke izizwana echithachithwe kuzo,+ ndiza kungcwaliswa phakathi kwayo emehlweni eentlanga.+ Yaye ngokuqinisekileyo iya kuhlala emhlabeni wayo+ endawunika umkhonzi wam, uYakobi.+

  • Amosi 9:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Ndiza kubabuyisa abathinjiweyo babantu bam amaSirayeli,+ kwaye okunene baya kwakha izixeko eziphanzileyo baze babe ngabemi bazo,+ batyale izidiliya baze basele iwayini yazo, benze imiyezo baze badle iziqhamo zayo.’+

  • Zefaniya 3:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 Ngelo xesha ndiya kunizisa, kanye ngexesha lokuniqokelela kwam ndawonye. Kuba ndiya kunenza nibe ligama nendumiso phakathi kwezizwana zonke zomhlaba, ekubabuyiseni kwam abathinjiweyo benu phambi kwamehlo enu,” utsho uYehova.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share