IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 1 Kumkani 8:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Kwaye ababingeleli+ abazange bakwazi ukuma ukuze balungiselele+ ngenxa yelifu, kuba ubuqaqawuli+ bukaYehova bazalisa indlu kaYehova.+

  • 2 Kronike 7:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Bonke oonyana bakaSirayeli babebukele xa umlilo wawusihla nobuqaqawuli bukaYehova buphezu kwendlu, ngokukhawuleza bathoba+ babhekisa ubuso babo emhlabeni phezu kwendlela egangathiweyo baza baqubuda+ babulela uYehova, “kuba elungile,+ kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.”+

  • Hezekile 1:28
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 28 Kwakukho into eyayibonakala njengesaphetha+ ebakho kwingqimba yelifu mini ngemvula. Leyo yindlela okwakubonakala ngayo ukuqaqamba oko kujikelezileyo. Yayiyimbonakalo efana neyobuqaqawuli bukaYehova.+ Xa ndakubonayo oku, ndandula ke ndawa ngobuso,+ ndaza ndaliva nelizwi lalowo uthethayo.

  • Hezekile 9:3
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 3 Ke bona ubuqaqawuli bukaTHIXO kaSirayeli,+ benyuswa basuswa kwiikherubhi+ obebuphezu kwazo baza basiwa embundwini wendlu,+ yaye wamemeza kwindoda eyambethe ilinen,+ nekwakukho uphondo lweinki lukanobhala esinqeni sayo.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share