Isaya 1:2 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 2 Yivani,+ mazulu, uze ubeke indlebe, mhlaba, kuba uYehova uthethile: “Ndikhulise oonyana ndaza ndabaphakamisa,+ kodwa bona bandivukele.+ Hezekile 2:5 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 5 Ke bona, enoba baya kuva+ okanye abayi kuva+—kuba bayindlu enemvukelo+—ngokuqinisekileyo baya kwazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.+ Hezekile 3:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Njengedayimani, ndilenze laba lukhuni ngaphezu kwelitye leqhwitha+ ibunzi lakho. Uze ungaboyiki,+ yaye uze ungankwantyiswa bubuso babo,+ kuba bayindlu enemvukelo.”+ Hezekile 12:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 “Nyana womntu, abatshongo na kuwe abo bendlu kaSirayeli, laa ndlu inemvukelo,+ ukuthi, ‘Wenza ntoni na?’
2 Yivani,+ mazulu, uze ubeke indlebe, mhlaba, kuba uYehova uthethile: “Ndikhulise oonyana ndaza ndabaphakamisa,+ kodwa bona bandivukele.+
5 Ke bona, enoba baya kuva+ okanye abayi kuva+—kuba bayindlu enemvukelo+—ngokuqinisekileyo baya kwazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.+
9 Njengedayimani, ndilenze laba lukhuni ngaphezu kwelitye leqhwitha+ ibunzi lakho. Uze ungaboyiki,+ yaye uze ungankwantyiswa bubuso babo,+ kuba bayindlu enemvukelo.”+
9 “Nyana womntu, abatshongo na kuwe abo bendlu kaSirayeli, laa ndlu inemvukelo,+ ukuthi, ‘Wenza ntoni na?’