Yeremiya 29:22 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 22 Yaye ngokuqinisekileyo kubo kuya kuthatyathwa isiqalekiso lilo liphela iqela labathinjwa bakwaYuda abaseBhabhiloni, kusithiwa: “Ngamana uYehova angakwenza ube njengoZedekiya nanjengoAhabhi,+ abo ukumkani waseBhabhiloni wabosa emlilweni!”+ Daniyeli 3:11 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 11 nokuba nabani na ongawanga phantsi anqule ufanele aphoswe ezikweni elivutha umlilo.+ Daniyeli 3:17 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 17 Ukuba kumele kube njalo uThixo wethu esimkhonzayo, unako ukusihlangula. Uya kusihlangula ezikweni elivutha umlilo, nasesandleni sakho kumkani.+ Daniyeli 3:26 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 26 Wandula ke uNebhukadenetsare wasondela esangweni leziko elivutha umlilo.+ Wathi: “Shadraki, Meshaki, nawe Abhednego, bakhonzi bOyena Thixo Uphakamileyo,+ phumani nize apha!” Baphuma ke uShadraki, noMeshaki, noAbhednego emlilweni. ISityhilelo 13:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 Laza lanikwa ukuba liwunike impefumlo umfanekiso werhamncwa, khon’ ukuze umfanekiso werhamncwa uthethe yaye ubangele ukuba babulawe bonke abo bangayi kuwunqula konke konke umfanekiso+ werhamncwa.
22 Yaye ngokuqinisekileyo kubo kuya kuthatyathwa isiqalekiso lilo liphela iqela labathinjwa bakwaYuda abaseBhabhiloni, kusithiwa: “Ngamana uYehova angakwenza ube njengoZedekiya nanjengoAhabhi,+ abo ukumkani waseBhabhiloni wabosa emlilweni!”+
17 Ukuba kumele kube njalo uThixo wethu esimkhonzayo, unako ukusihlangula. Uya kusihlangula ezikweni elivutha umlilo, nasesandleni sakho kumkani.+
26 Wandula ke uNebhukadenetsare wasondela esangweni leziko elivutha umlilo.+ Wathi: “Shadraki, Meshaki, nawe Abhednego, bakhonzi bOyena Thixo Uphakamileyo,+ phumani nize apha!” Baphuma ke uShadraki, noMeshaki, noAbhednego emlilweni.
15 Laza lanikwa ukuba liwunike impefumlo umfanekiso werhamncwa, khon’ ukuze umfanekiso werhamncwa uthethe yaye ubangele ukuba babulawe bonke abo bangayi kuwunqula konke konke umfanekiso+ werhamncwa.