Daniyeli 2:41 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 41 “Njengoko uzibonile iinyawo neenzwane ukuba ngokuyinxenye ziludongwe oluxonxiweyo lombumbi yaye ngokuyinxenye ziyintsimbi,+ ngoko ke obo bukumkani buya kwahlulelana,+ kodwa kuya kubakho ubulukhuni bentsimbi kubo, njengoko wabona intsimbi ixubene nodongwe olumanzi.+ Daniyeli 7:8 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 8 Ndaziqwalasela iimpondo zalo, ndabona kuvela olunye uphondo, oluncinane,+ phakathi kwazo, kwaza kwancothulwa ezintathu kwiimpondo zokuqala phambi kwalo. Yaye olu phondo lwalunamehlo anjengamehlo omntu, nomlomo othetha izinto ezinkulu.+ Daniyeli 8:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Kolunye lwazo kwaphuma olunye uphondo oluncinane,+ lwaza lwaya lusiba lukhulu kakhulu lwabhekisa ngasemzantsi nangasempumalanga nangakwilizwe Eliligugu.+
41 “Njengoko uzibonile iinyawo neenzwane ukuba ngokuyinxenye ziludongwe oluxonxiweyo lombumbi yaye ngokuyinxenye ziyintsimbi,+ ngoko ke obo bukumkani buya kwahlulelana,+ kodwa kuya kubakho ubulukhuni bentsimbi kubo, njengoko wabona intsimbi ixubene nodongwe olumanzi.+
8 Ndaziqwalasela iimpondo zalo, ndabona kuvela olunye uphondo, oluncinane,+ phakathi kwazo, kwaza kwancothulwa ezintathu kwiimpondo zokuqala phambi kwalo. Yaye olu phondo lwalunamehlo anjengamehlo omntu, nomlomo othetha izinto ezinkulu.+
9 Kolunye lwazo kwaphuma olunye uphondo oluncinane,+ lwaza lwaya lusiba lukhulu kakhulu lwabhekisa ngasemzantsi nangasempumalanga nangakwilizwe Eliligugu.+