Isaya 44:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 Kuba ndiya kugalela amanzi konxaniweyo,+ nemisinga ethontsizayo kwindawo eyomileyo.+ Ndiya kuthulula umoya wam embewini yakho,+ nentsikelelo yam kwinzala yakho. Yoweli 2:28 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 28 “Kuya kuthi emva koko ndithululele umoya wam+ phezu kwalo lonke uhlobo lwenyama,+ yaye ngokuqinisekileyo baya kuprofeta oonyana benu neentombi zenu.+ Wona ke amadoda enu amadala, aya kuphupha amaphupha. Bona ke abafana benu, baya kubona imibono. Luka 3:16 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 16 uYohane waphendula, esithi kubo bonke: “Mna ndinibhaptiza ngamanzi; kodwa uyeza lowo womelele ngakumbi kunam, omtya weembadada zakhe ndingakufanelekelanga ukuwukhulula.+ Uya kunibhaptiza ngomoya oyingcwele nomlilo.+ IZenzo 2:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 baza bonke bazaliswa ngumoya oyingcwele,+ baqala ukuthetha ngeelwimi ezahlukileyo,+ kanye njengoko umoya wawubanika ukuba bathethe amazwi. IZenzo 11:16 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 16 Ngako oko ndakhumbula ilizwi leNkosi, indlela eyayifudula isitsho ngayo ukuthi, ‘UYohane wabhaptiza ngamanzi,+ kodwa nina niya kubhaptizelwa kumoya oyingcwele.’+ 1 Korinte 12:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 Kuba eneneni thina sonke sabhaptizelwa mzimbeni mnye,+ ngamoya mnye, nokuba singamaYuda okanye amaGrike, nokuba singamakhoboka okanye abakhululekileyo, sonke sasezwa+ moyeni mnye.
3 Kuba ndiya kugalela amanzi konxaniweyo,+ nemisinga ethontsizayo kwindawo eyomileyo.+ Ndiya kuthulula umoya wam embewini yakho,+ nentsikelelo yam kwinzala yakho.
28 “Kuya kuthi emva koko ndithululele umoya wam+ phezu kwalo lonke uhlobo lwenyama,+ yaye ngokuqinisekileyo baya kuprofeta oonyana benu neentombi zenu.+ Wona ke amadoda enu amadala, aya kuphupha amaphupha. Bona ke abafana benu, baya kubona imibono.
16 uYohane waphendula, esithi kubo bonke: “Mna ndinibhaptiza ngamanzi; kodwa uyeza lowo womelele ngakumbi kunam, omtya weembadada zakhe ndingakufanelekelanga ukuwukhulula.+ Uya kunibhaptiza ngomoya oyingcwele nomlilo.+
4 baza bonke bazaliswa ngumoya oyingcwele,+ baqala ukuthetha ngeelwimi ezahlukileyo,+ kanye njengoko umoya wawubanika ukuba bathethe amazwi.
16 Ngako oko ndakhumbula ilizwi leNkosi, indlela eyayifudula isitsho ngayo ukuthi, ‘UYohane wabhaptiza ngamanzi,+ kodwa nina niya kubhaptizelwa kumoya oyingcwele.’+
13 Kuba eneneni thina sonke sabhaptizelwa mzimbeni mnye,+ ngamoya mnye, nokuba singamaYuda okanye amaGrike, nokuba singamakhoboka okanye abakhululekileyo, sonke sasezwa+ moyeni mnye.