Mateyu 6:20 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 20 Kunoko, ziqwebeleni ubuncwane ezulwini,+ apho inundu nomhlwa zingadliyo+ khona, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe. Mateyu 19:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 UYesu wathi kuye: “Ukuba ufuna ukugqibelela, hamba uye kuthengisa impahla yakho uze unike amahlwempu yaye uya kuba nobuncwane ezulwini,+ uze ube ngumlandeli wam.”+ Marko 10:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 UYesu wamjonga yaye waziva emthanda waza wathi kuye: “Kukho nto inye uyiphosayo: Hamba, uye kuthengisa izinto onazo, unike amahlwempu, yaye uya kuba nobuncwane ezulwini, uze ube ngumlandeli wam.”+ Luka 12:33 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 33 Thengisani+ ngezinto zenu nize ninikele izipho zenceba.+ Zenzeleni iinxili ezingagugiyo, ubuncwane obungasoze busilele emazulwini,+ apho kungasondeli sela, kungonakalisi nanundu. 1 Timoti 6:19 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 19 ngokwenjenjalo baya kuba baziqwebela+ isiseko esihle+ nesikhuselekileyo sekamva, esikhokelela kubomi benene.+
20 Kunoko, ziqwebeleni ubuncwane ezulwini,+ apho inundu nomhlwa zingadliyo+ khona, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe.
21 UYesu wathi kuye: “Ukuba ufuna ukugqibelela, hamba uye kuthengisa impahla yakho uze unike amahlwempu yaye uya kuba nobuncwane ezulwini,+ uze ube ngumlandeli wam.”+
21 UYesu wamjonga yaye waziva emthanda waza wathi kuye: “Kukho nto inye uyiphosayo: Hamba, uye kuthengisa izinto onazo, unike amahlwempu, yaye uya kuba nobuncwane ezulwini, uze ube ngumlandeli wam.”+
33 Thengisani+ ngezinto zenu nize ninikele izipho zenceba.+ Zenzeleni iinxili ezingagugiyo, ubuncwane obungasoze busilele emazulwini,+ apho kungasondeli sela, kungonakalisi nanundu.
19 ngokwenjenjalo baya kuba baziqwebela+ isiseko esihle+ nesikhuselekileyo sekamva, esikhokelela kubomi benene.+