IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Levitikus 26:31
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 31 Kwaye eneneni izixeko zenu ndiya kuzinikela ekreleni+ ndize ndiziphanzise iingcwele zenu,+ ndingaweva namavumba enu athozamisayo.+

  • 1 Kumkani 9:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 nam ndiza kumnqumla uSirayeli phezu komhlaba endimnike wona;+ nendlu endiyingcwalisele igama lam ndiya kuyilahla phambi kwam,+ yaye uSirayeli uya kuba ngumzekelo+ nesingcikivo phakathi kwezizwana zonke.

  • INdumiso 69:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 Mayiphanze inkampu yabo ebiyelwe ngodonga;+

      Ezintenteni zabo kungabikho uhlalayo.+

  • Isaya 1:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 Ilizwe lenu lisisiphanziso,+ izixeko zenu zitshiswe ngomlilo;+ umhlaba wenu—udliwa ugqitywe ngabasemzini+ kanye phambi kwenu,+ yaye isiphanziso sinjengokubhukuqwa ngabasemzini.+

  • Yeremiya 12:7
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 7 “Ndiyishiyile indlu yam;+ ndililahlile ilifa lam;+ intanda yomphefumlo wam ndiyinikele entendeni yeentshaba zayo.+

  • Yeremiya 22:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 5 “‘Kodwa ukuba nithe anawathobela la mazwi, ndiyazifunga,’+ utsho uYehova, ‘le ndlu iya kuba yindawo nje ephanzileyo.’+

  • Mika 3:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 Ngoko ke ngenxa yenu iZiyon iya kulinywa njengentsimi nje, neYerusalem iya kuba yimfumba nje yamanxuwa,+ nentaba yendlu iya kuba njengeendawo eziphakamileyo zehlathi.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share