2 Noko ke, kwakukho abaprofeti bobuxoki phakathi kwabantu, njengoko naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi bobuxoki.+ Bona kanye aba baya kungenisa ngasese amahlelo atshabalalisayo yaye baya kumkhanyela nomnini owabathengayo,+ bezizisela intshabalalo ekhawulezileyo.