30 Ngoko, ngemini elandelayo, njengoko wayenqwenela ukwazi ngokuqinisekileyo ukuba kutheni wayemangalelwa ngamaYuda, wamkhulula waza wayalela umbingeleli oyintloko nayo yonke iSanhedrin ukuba idibane. Yaye wamhlisa uPawulos waza wammisa phakathi kwabo.+