48 Xa athe owasemzini wahlala nani njengomphambukeli, kwaye eza kuyibhiyozela ipasika kuYehova, mayaluswe yonke into eyindoda kuye.+ Angandula ke aqale ukusondela ukuze ayibhiyozele; yaye woba njengenzalelwane yelizwe. Kodwa akukho mntu ungalukanga umele adle kuyo.