IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Eksodus 22:29
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 29 “Imveliso yakho epheleleyo newayini yakho ephuphumayo uze ungandiniki uthingaza.+ Owamazibulo koonyana bakho uze umnikele kum.+

  • 1 Kronike 29:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Ndazi kakuhle, Thixo wam, ukuba ungumgocagoci wentliziyo,+ nokuba ukholiswa kokuthe tye.+ Ke mna, ngentliziyo ethe tye ndizinikele zonke ezi zinto ngokuzithandela, ndinandipha ukubona abantu bakho abakhoyo apha besenza iminikelo yokuzithandela kuwe.

  • IMizekeliso 11:25
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 25 Umphefumlo onesisa uya kutyetyiswa,+ yaye oseza abanye ngesisa naye uya kusezwa ngesisa.+

  • IZenzo 20:35
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 35 Ndinibonisile ezintweni zonke ukuba nimele nisebenze+ ukuze nincede abo babuthathaka,+ yaye nimele niwakhumbule amazwi eNkosi uYesu, xa yona ngokwayo yathi, ‘Kunoyolo ngakumbi ukupha+ kunokwamkela.’”

  • Roma 12:8
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 8 okanye lowo ubongozayo, makabe sekubongozeni kwakhe;+ lowo wabayo, makenjenjalo engagogotye lutho;+ lowo wongamelayo,+ makenjenjalo ngenyameko; lowo wenza inceba,+ makenjenjalo echwayitile.

  • Hebhere 13:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Ngaphezu koko, musani ukulibala ukwenza okulungileyo+ nokwabelana ngezinto nabanye, kuba uThixo uyakholiswa yimibingelelo enjalo.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share