Isaya 55:1 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 55 Wenani, nonke nina ninxaniweyo!+ Yizani emanzini.+ Nabo bangenamali! Yizani, nithenge nize nidle.+ Ewe, yizani, nithenge iwayini+ nobisi+ ngaphandle kwemali nangaphandle kwexabiso.+ Yohane 7:37 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 37 Ke kaloku ngosuku lokugqibela, imini enkulu yomthendeleko,+ uYesu wayemile waza wadanduluka, esithi: “Ukuba nabani na unxaniwe,+ makeze kum aze asele. ISityhilelo 7:17 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 17 ngenxa yokuba iMvana,+ ephakathi kwetrone, iya kubalusa,+ ibakhokelele emithonjeni yamanzi+ obomi. Yaye uThixo uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo.”+ ISityhilelo 21:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Wathi kum kwakhona: “Kwenzekile! NdinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo.+ Nabani na onxaniweyo ndiya kumnika emthonjeni wamanzi obomi ngesisa.+
55 Wenani, nonke nina ninxaniweyo!+ Yizani emanzini.+ Nabo bangenamali! Yizani, nithenge nize nidle.+ Ewe, yizani, nithenge iwayini+ nobisi+ ngaphandle kwemali nangaphandle kwexabiso.+
37 Ke kaloku ngosuku lokugqibela, imini enkulu yomthendeleko,+ uYesu wayemile waza wadanduluka, esithi: “Ukuba nabani na unxaniwe,+ makeze kum aze asele.
17 ngenxa yokuba iMvana,+ ephakathi kwetrone, iya kubalusa,+ ibakhokelele emithonjeni yamanzi+ obomi. Yaye uThixo uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo.”+
6 Wathi kum kwakhona: “Kwenzekile! NdinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo.+ Nabani na onxaniweyo ndiya kumnika emthonjeni wamanzi obomi ngesisa.+