2 Tesalonika
1 UPawulos noSilvano noTimoti,+ babhalela ibandla labaseTesalonika elimanyene noThixo uBawo wethu neNkosi uYesu Kristu:
2 Ngamana ningaba nobubele obungasifanelanga noxolo oluvela kuThixo uBawo nakwiNkosi uYesu Kristu.+
3 Kufanelekile ukuba sihlale simbulela uThixo ngenxa yenu,+ bazalwana, kuba ukholo lwenu lukhula+ ngokugqithiseleyo yaye ukuthandana kwenu kuyanda.+ 4 Kangangokuba siyaqhayisa+ ngani phakathi kwamabandla kaThixo ngenxa yonyamezelo nokholo lwenu kuzo zonke iintshutshiso neembandezelo enizinyamezelayo.+ 5 Oku kububungqina bomgwebo wobulungisa kaThixo,+ okhokelela ekubalelweni kwenu ekuthini nifanelwe bubukumkani bukaThixo,+ enibandezeleka ngenxa yabo.+
6 Oku kuzis’ engqalelweni ukuba kububulungisa kuye uThixo ukubabuyekeza ngembandezelo abo banibandezelayo,+ 7 aze nina babandelwayo, anikhulule kunye nathi ekutyhilekeni+ kweNkosi uYesu ivela ezulwini kunye neengelosi zayo ezinamandla+ 8 isemlilweni odangazelayo, ibaphindezela+ abo bangamaziyo uThixo+ nabo bangazithobeliyo+ iindaba ezilungileyo ezingeNkosi yethu uYesu.+ 9 Bona aba baya kuva isohlwayo sesigwebo+ sentshabalalo engunaphakade+ bemke phambi kweNkosi nakuzuko lwamandla ayo,+ 10 ekufikeni kwayo ukuze izukiswe ngabangcwele+ bayo nokuze ngaloo mini bamangaliswe yiyo bonke ababonisa ukholo, kuba nabamkela ngokholo ubungqina esabunikelayo kuni.
11 Ngoko ke sihlala sinithandazela, ukuba uThixo wethu anibalele ekuthini nilufanelekele ubizo lwakhe+ aze ngamandla akhe akuphelelise konke ukulunga nomsebenzi wokholo; 12 ukuze igama leNkosi yethu uYesu lizukiswe kuni,+ nani nizukiswe kuye,+ ngokobubele obungasifanelanga+ bukaThixo wethu nobeNkosi uYesu Kristu.