ISityhilelo
7 Emva koko ndabona iingelosi ezine+ zimi kwiimbombo zone zomhlaba, zibambe ngokuqinileyo imimoya yomine+ yomhlaba, ukuze kungabikho moya uvuthuza emhlabeni okanye elwandle okanye nakuwuphi na umthi.+ 2 Ndabona enye ingelosi inyuka ivela empumalanga,+ inetywina loThixo ophilayo;+ yaza yadanduluka ngelizwi elikhulu kwiingelosi ezine ezazinikwe ukuba ziwonakalise umhlaba nolwandle, 3 isithi: “Musani ukuwonakalisa umhlaba nolwandle nemithi, de kube semva kokuba siwatywinile+ amakhoboka oThixo wethu emabunzini awo.”+
4 Ndaliva inani labo batywinwayo, ikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka,+ abatywinwa bephuma kuzo zonke izizwe+ zoonyana bakaSirayeli:+
5 Kwisizwe sakwaYuda+ kwatywinwa ishumi elinesibini lamawaka;
kwisizwe sakwaRubhen+ ishumi elinesibini lamawaka;
kwisizwe sakwaGadi+ ishumi elinesibini lamawaka;
6 kwisizwe sakwa-Ashere+ ishumi elinesibini lamawaka;
kwisizwe sakwaNafetali+ ishumi elinesibini lamawaka;
kwisizwe sakwaManase+ ishumi elinesibini lamawaka;
7 kwisizwe sakwaSimeyon+ ishumi elinesibini lamawaka;
kwisizwe sakwaLevi+ ishumi elinesibini lamawaka;
kwisizwe sakwaIsakare+ ishumi elinesibini lamawaka;
8 kwisizwe sakwaZebhulon+ ishumi elinesibini lamawaka;
kwisizwe sakwaYosefu+ ishumi elinesibini lamawaka;
kwisizwe sakwaBhenjamin+ kwatywinwa ishumi elinesibini lamawaka.+
9 Emva koko, khangela! ndabona naso isihlwele+ esikhulu, ekungekho mntu wakwaziyo ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga+ nezizwe nezizwana+ neelwimi,+ simi phambi kwetrone+ naphambi kweMvana, sambethe imiwunduzo+ emhlophe; yaye kwakukho amasebe+ esundu ezandleni zaso. 10 Sasidanduluka ngelizwi elikhulu, sisithi: “Usindiso silufumene kuThixo+ wethu, ohleli etroneni,+ nakuyo iMvana.”+
11 Yaye zonke iingelosi+ zazimi zijikeleze itrone nabadala+ nezidalwa+ eziphilayo ezine, zaza zawa ngobuso bazo phambi kwetrone, zanqula uThixo,+ 12 zisithi: “Amen! Ukubongwa nozuko nobulumko nombulelo nembeko namandla+ nokomelela makube kuThixo wethu ngonaphakade kanaphakade. Amen.”+
13 Wandula omnye wabadala+ wathi kum: “Aba bambethe imiwunduzo+ emhlophe, bangoobani na yaye bevela phi na?” 14 Ndathi kuye: “Nkosi yam, nguwe owaziyo.” Waza wathi kum: “Aba ngabo baphuma embandezelweni+ enkulu, bayihlamba imiwunduzo yabo bayenza mhlophe+ egazini+ leMvana. 15 Kungenxa yoko le nto bephambi+ kwetrone kaThixo, benikela inkonzo engcwele+ kuye imini nobusuku etempileni yakhe; yaye Lowo uhleli etroneni+ uya kutwabulula intente+ yakhe phezu kwabo. 16 Abasayi kulamba yaye bengayi kunxanwa kwakhona, nelanga aliyi kubagqatsa okanye beve ubushushu obutshisayo,+ 17 ngenxa yokuba iMvana,+ ephakathi kwetrone, iya kubalusa,+ ibakhokelele emithonjeni yamanzi+ obomi. Yaye uThixo uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo.”+